iMATHEMATIKA 2-in-1 kaGREYIDI 8 & 9 (isiXhosa)

Ngoku ikhona kootitshala beMpuma Kapa kwikhatalogu ye MTBBE

Iqela le TAS lingathanda ukukhumbuza bonke ootitshala beMpuma Kapa ukuba lithuba lenu lokugqibela uku-odola IZIKHOKELO ZOKUFUNDA (STUDY GUIDES) ZEMATHEMATIKA ZIKAGREYIDI 8 NO 9 ezingeSIXHOSA. Nceda ujonge kwi khatalogu yeMother Tongue Based Bilingual Education (MTBBE) ukwenza i-odolo yakho phambi okanye ngomhla wangoLwesiHlanu, 25 kuJuni 2021.

IziKhokelo zokuFunda zethu zika Gr 8 no 9 zeMathematika zibhalwe ngootitshala, bona abobelana ngokuzingca nothando olungazenzisiyo lweMathematika nomntu omtsha, kunye nokuphuhlisa ulwimi lwesiXhosa kwilizwe lethu.

Ezi ziKhokelo zokuFunda zeMathematika kulula ukuzilandela, kwaye nendlela ezenziwe ngayo zalungela umfundi kwaye ikwakhuthaza ukuzifundela ngokuzimela. Siyayazi ukuba oku kongezelela kuludwe lwethu isiXhosa kuya kuzibonakalisa ulutho nokubaluleka kwako ngokuthi kwandise ubuchule bokumelana nomceli-ngeni womxholo kwisifundo esi.


IiMpawu ezinguNdoqo kwiMathematika kaGr 8 ezi 2-kwe1:

  • Uhlobo olulandeleka lula ngokwezitepu kwinkqubo yokufunda
  • Iimpendulo ezigqibelele kakuhle, iingcaciso kunye neebhokisi ezineengcebiso
  • Amaphepha eeMvavanyo anee-memorandum ezinabileyo ngengcaciso – kubekwe okucingwayo kwenzeka, kwaze kwaxhaswa ngokumandla umxholo kusetyenziswa ukuqulunqwa kweformati ngokweemvavanyo.

IiMpawu ezinguNdoqo kwiMathematika kaGr 9 ezi 2-kwe1:

  • Imizekelo egqibelele, namanqaku endlela yokufunda kwisihloko ngasinye
  • Iimpendulo ezinabileyo kwimisebenzi yonke enikiweyo
  • Amaphepha eeMvavanyo anee-memorandum ezinabileyo ngengcaciso – kubekwe okucingwayo kwenzeka, kwaze kwaxhaswa ngokumandla umxholo kusetyenziswa ukuqulunqwa kweformati ngokweemvavanyo.

Ezi zikhokelo zilulutho kakhulu kubafundi abakumanqanaba wonke ngolwazi kwaye zondlala umgangatho wokukhulisa iMathematika kwixa elizayo.

Wamkelekile ukuba unganxibelelana nathi nangayo nayiphi na imibuzo. Singakuvuyela nokufumana ingxelo nangayo nayiphina kwenye yeemveliso zethu, kwaye singavuya nokuva kuni ngazo. Sininqwenelela nabafundi benu impumelelo kwiinkqubo zezifundo zomnyaka we 2021.